Ukuwa okugqibeleleyo: IziStallion zibethwe yiVarsity College I-Inter-varsity ibingomnye umisitho obubalasele kwiYunives

I-Inter-varsity ibingomnye umisitho obubalasele kwiYunivesithi yaseRhodes enike amaqela ezemidlalo, afana nombhoxo, ibhola ekhatywayo, nebhola yomnyazi ithuba lokubonisa izakhono zabo nemidlalo yawo.

Umdlalo woMbhoxo kwelinye icala udlala indima enkulu kubuzwe boMzantsi Afrika. Lo mdlalo uzisa ubuwena besizwe, umanyano, nethemba ababelana ngalo abemi boMzantsi Afrika, ekugqibeleni kwakhiwe ilizwe kunye nabantu balo ngendlela encomekayo.

Lo msitho weentsuku ezimbini ububandakanya abantu bezemidlalo abaphuma kwiYunivesithi iRhodes, iNelson Mandela University, iWalter Sisulu University, kunye neYunivesithi yaseFort Hare. Iqela leYunivesithi yaseRhodes lanelisekile, liphumelele phantse kuyo yonke imidlalo.

IStallions (FNB Rhodes University) zifumene ukuzithemba obekudingeka emva kokuphumelela kwabo bebetha iNelson Mandela University ngamanqaku ayi-15-7. Ngomzamo wabo omhle, ii-Stallions zigqithise ulindelo lwabaxhasi babo. Ayiyomfihlo into yokuba phambi kweInter-varsity, abafundi beYunivesithi iRhodes babecinga kakubi ngeqela lombhoxo lale yunivesithi. Uloyiso lwabo lubanike uzuko ekudala belulangazelela. Impumelelo yazisa utshintsho oluhle kwisimo sengqondo malunga neziStallions.

Umjikelo omkhulu ufike neqela lombhoxo leYunivesithi iRhodes, bashiya iyunivesithi yonke ibhiyoza inayo nemincili njengoko eli qela lithweswe isithsaba sokuba ziintshatsheli zeIntervarsity. Babuyisele ithemba nokholo phantse kubo bonke abalandeli babo. Eli qela lizibonakalisile ukuba lingayidlalela impumelelo, nto leyo eshiye abalandeli bewulindele ngolangazelelo umdlalo olandelayo. IYunivesithi yaseRhodes ibhiyozele impumelelo kumngcelele wezemidlalo ukubonisa ukuba isidima seqela sibuyile. IYunivesithi yaseRhodes idlale ngokuzithemba okungagungqiyo, umdlandla, kunye nokuphucuka okumangalisayo ekusebenzeni kweqela labo.

Nangona kunjalo, umibhiyozo akakhange abekhona ixesha elide njengoko iVarsity College inqumle ulawulo lwee-Stallions ngokukhawuleza kunokuba babenokufaka amanqaku abo aphumeleleyo, bewahlutha. IYunivesithi yaseRhodes iqubulisene neVarsity College; badlale ngeentliziyo zabo. IYunivesithi yaseRhodes iwukhokele umdlalo kwisiqingatha sokuqala. IVarsity College yomeleze impendulo emva kwekhefu, iphumelele ngamanqaku ayi-10-12.

IiStallions zithotyiwe kwaye oku kuthetha ukuba azinakuphinde zikhuphisane kwiVarsity Shield. Lo mqobo wonakalise iStallions kuba bebengakufaneli ukukhuphisana kwiVarsity Club kule minyaka mibini ilandelayo.

Credits:
Written by: Thandeka Mosia, Ndalo Mbombo, Courtney Meiklejohn, Sinothando Ngema
Translators: Asa Makhonza, Abukwe Mjungula
Editors: Mzwakhe Nhlabathi, Phiwokuhle Mvalo
Final Design: Mzwakhe Nhlabathi
Pictures courtesy of Abigail Van Der Hoven © 2023
Instagram: @avdh_photos | https://instgram.com/avdh_photos

Comments

  1. Ngengomntu ebeyi bukele imatch yokugqibela ye Stallions ndithathakile becuase there is so much improvement in their game tactic and the defense has gotten stronger kodwa ke they lost and hopefully they use the 2 years to power up to redeem Rhodes

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular Posts