Ukuvala unyaka ngesitayile


Kulelo xesha lonyaka kwakhona! Xa iiholo zokutyela kwiYunivesithi yaseRhodes ziququzelela imisebenzi yokuvalelisa abafundi abagqiba izidanga zabo. I-"Leavers Dinner" isenokuba sesona siganeko nje silindelweyo kulo nyaka eRhodes kuba asingomcimbi wokubhiyozela kuphela kodwa kulapho kuvunywa khona ukukhuthala kwezemfundo nokunikezelwa kwamabhaso.

Isidlo sangokuhlwa sabantu abahambayo (Leaver’s Dinner) ngumsebenzi osingathwa ngexesha lesiqingatha sokugqibela konyaka ngaphambi nje kokuqala kuka-Oktobha. Ngumsebenzi omhle apho ikhowudi yokunxiba ibaluleke kakhulu ekhuthaza abafundi ukuba babonise ingqiqo yabo yefashoni kunye nesitayela. Imixholo iyahluka kwiholo nganye yokutyela kuba iHolo nganye yokutyela ibamba umsebenzi ngokwendlela abafundi abahlala khona bafuna ngayo. Leyomixholo kulo nyaka ibeka izinga phezulu kubafundi, kunye iHobson Hall isingathe "An Evening at the Met Gala." Njengoko bekulindeleke amanenekazi aseHobson Hall amkele umxholo ngentliziyo yonke, enxiba iingubo ezigqibeleleyo ezongezelelwe kukwenziwa kobuso kunye nobucwebe. IHugh Masekela Hall, yaxhasa umgangatho wayo, kunye nomxholo wabo wokuba "Opulence" abafundi bafika benxibe iimpahla zabo ezintle ngokuhlwa bekhangeleka bebahle. Umxholo we-Founders Hall wawusithi, "Oscars" kunye nenani elihle labafundi abaye kulo msitho benxibe ngokufanelekileyo.

Umhlobiso wesidlo sangokuhlwa wawujongwe yikomiti yendlu kunye noo nobhala abahlala kwindawo yokuhlala abafundi ngabanye. Ukulungiselela okwangena kucwangciso lwesidlo ngasinye kwakubonakala kwindlela iholo nganye eyaguqulwa ngayo ukusuka kwindawo yokutya yemihla ngemihla ukuya kwihlabathi lomlingo apho abafundi banokuphumla nje kwaye babhiyoze kunye. Izibane zeentsomi zahombisa iindonga kunye nophahla lweholo nganye ngeentyatyambo okanye izibane kwitafile nganye.kwiFounders Hall benza kangangoko bade benza ibhaso le-Oscar elingangomntu ubukhulu eyenziwe ngekhadibhodi ukongeza kumava e-Oscars.

Umculo waziwa ngokuba ngumthombo wobomi kuwo nawuphi na umcimbi kwaye oku ngokwenene kwakunjalo kuzo zonke izidlo. Ngokobuninzi babafundi abahlukahlukeneyo ngokwemvelaphi yabo, iholo nganye yazama ukulungiselela ukudlalwa komculo ohlukeneyo, ngokubandakanya iintlobo ezifana neAmapiano, iR&B, iJazz kunye ne-hip hop kwizintlu zayo zokudlala. Le yabeka ithoni ngelixa abafundi babonwabele ukutya okufumaneka kwimenyu yabo abazange bancome okanye bakhalaze ngayo. Ibhari kunye nendawo yokudanisa yavulwa emva kwesidlo esikhulu ngokuqinisekileyo seso siganeko esikhunjulwayo kwisidlo sangokuhlwa.

Ekugqibeleni, abafundi abaliqela abazange baye kulo msebenzi ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Enye yazo kungenxa yeembopheleleko zemfundo. Eyona ngxaki enkulu kwezi zidlo lixesha, uninzi lwezidlo zenzeka phakathi evekini, apho abanye abafundi abangakwazanga ukuya bathi zingquzulana nezibophelelo zemfundo ezifana neemvavanyo kunye nezingeniso ezishiya ngaphandle kwamava nangona kunjalo abanye bagqiba ekubeni bangayi ngenxa yezizathu zabo zobuqu.

Abafundi be-Oppidan ababandakanywanga kwimibhiyozo enjalo, banemibhiyozo yabo yokuphela konyaka eyaziwa njengokuba yi-Oppidan Ball eyenzeka kanye ngelixesha lezidlo. leBhola ithatha uhlobo olufanayo njengamaxesha esidlo sangokuhlwa eendawo zokutyela, ibhiyozela yaye yonge abafundi abakhutheleyo. Kwenziwa umizamo ofanayo ukulungiselela iRhodes University Oppidan Ball eya banjwa ngomhla wama-23 kweyoMsintsi 2023 eGreat Hall. Owona mxholo owafumana uninzi lweevoti yayingu-"A Black Tie Event" yaye ngenxa yoko yayingumxholo webhola. Unxibelelwano kunye nentengiso yeBhola yayicacile, icacile kwaye isebenza kakuhle kuba ikomiti ye-oppidan yathatha onke amajelo asekuhlaleni ukwenza izibhengezo kwaye bathumela ii-imeyile. Ezi imeyile zazichaza indawo eza kuqhutyelwa kuyo le ndibano, umhla, neendleko zamatikiti (iR100 yeOppidans neR120 yabafundi abahlala kwizindlu zokuhlala).

Umfundi owenza unyaka wesine owayekho kwi-Oppidan Ball uchaze ukuba lo msitho ubulungiselewe kakuhle kwaye uqhubeke ngokufanelekileyo. Ukwavakalise ukuba inkonzo kwesi siganeko yayingumangaliso. Le ndawo yayihonjiswe kakuhle yaye ixatyiswe ngabanye babafundi ababekho. Wakhankanya ukuba abalungiseleli babehloniphekile yaye bekulungele ukunceda okanye ukugalela iziselo nanini na zifuneka. Umculo ekuqaleni kokuhlwa wawumfiliba kancinci nangona kunjalo, umculi wenze wadlala iingoma ezithandwayo kamva ngokuhlwa ewuphakamisa umsitho. Lilonke, obubusuku bathathwa njengempumelelo nangona kunjalo, kwaziswa ukuba ukutya kwakubanda xa kwakuphakwa kwaye iziselo zazingabandi konke konke.

Abanye abafundi bakhetha ukungayi kulo kwitheko ngenxa yexabiso lamatikiti kunye nexesha lomcimbi wenzeka ngalo. Abanye abafundi be-oppidan bavakalisa ukuba ixabiso laliyinto ebalulekileyo kwisigqibo sabo esibonakalayo kumanani ababekho.

Ekupheleni kobusuku ngabunye abafundi abasalandela izidanga zabo bayakhuthazwa ukuba bahlale benxibelelana neenjongo zabo ukuze nabo bakwazi ukuma eqongeni ukuze bathi ndlela ntle kwisizukulwana esilandelayo baze bahambe baye ehlabathi ngelixa abo baza kugqiba bethunyelwa kwihlabathi ngothando. 


Credits:

Written by: Asa Mkhonza, Abukwe Mjungula, Courtney Meiklejohn, Sinothando Ngema, Thandeka Mosia, Phiwokuhle Mvalo, Mzwakhe Nhlabathi, Ndalo Mbombo

Translator(s): Abukwe Mjungula

Editor(s): Mzwakhe Nhlabathi, Ndalo Mbombo

Final Design: Mzwakhe Nhlabathi

Pictures Taken & Supplied by: Carmen Visser, Elize Everton




Comments

  1. Kwakumnandi nyani kweyam iHall. Kodwa saqhathwa shame ekutyeni.😭😭 sakhuthazeka nokubona ogxa bethu bephumelela.

    ReplyDelete
  2. Definitely planning on attending next years one, I had a blast

    ReplyDelete
  3. I think the Oppi Ball from last year was better. They even had a DJ which was epic

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular Posts