Ithegi yexabiso leMfundo: Ngaphakathi kumzabalazo we-NSFAS kunye neCoinvest

 

NSFAS Mastercard | www.nsfas.org.za
I-National Student Financial Aid Scheme (NSFAS) yazisa inkqubo entsha yabafundi
baseyunivesithi ngenyanga yeSilimela ka-2023. Le nkqubo intsha yaphunyezwa emva kwesibhengezo esenziwa nguMphathiswa wemfundo ephakamileyo, uBlade Ndzimande, ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo. Waqinisekisa ukuba le nkqubo yokuhlawula ngokuthe ngqo, engenayo nayiphi na inxaxheba yeqela lesithathu, iya kunceda abafundi kwaye iphucule inkululeko yabo yemali.

Ngokuphathelene neyunivesithi yaseRhodes, abaxhamli be-NSFAS ngoku baza kufumana izibonelelo zabo nge-Coinvest Africa. Kuye kwavela ukuba u-Coinvest, u-eZaga, u-Norraco, kunye no-TeneTech Technologies, ziinkampani eziselula nezingenamava ezaaphumelela kwibhidi. Ngelishwa, esi sigqibo sibangele iziphumo ezibi ezingalindelekanga, kuquka iimeko apho abafundi beYunivesithi yaseRhodes bengakhange bafumane izibonelelo zabo iinyanga ezimbini. UNozi, ongumfundi weYunivesithi yaseRhodes ohlala kwikhampasi, uvakalise oku,"Ukusuka kusapho olungathathi ntweni, ukufumana imali kuba ngumceli mngeni. Kwinyanga ephelileyo bekungcono ngenxa yolungiselelo lwethu lwangaphambili, kodwa le nyanga ibonakalisa ukuba imbi ngakumbi. Kusekuqaleni kwenyanga, kodwa ukuya eklasini kunzima. Iimeko zam ziye zandinyanzela ukuba ndikhethe izithambiso zexabiso elisezantsi kakhulu, nangona ezinye zazo zicaphukisa isikhumba lwam."

Blade Nzimande by Simone Kley
UPhilile, ngomnye umfundi ojongane neengxaki zika-NSFAS kunye no-Coinvest, ubika ngelithi okwangoku akakabhaliswa kwinkqubo. Ukholelwa ukuba ukuba ubengenguye umfundi ohlala ngaphakathi esikolweni, mhlawumbi ubezakujongana nengxaki efanayo njengoontanga bakhe abangaphandle kwekhampasi. Wongeze ngelithi, "Nangona iyi-R300, inceda ngaphezu kokuba siqonda. Ngamanye amaxesha, kufuneka ndihlale ezantsi kwikhampasi phakathi kweeklasi, oko kuthetha ukuba andinakuba nesidlo sasemini ngenxa yexesha leeklasi zam. Le mali ngokwenene ibaluncedo kwiimeko ezinjalo."

Coinvest Card | www.coinvest.africa
Abafundi abathile bachaza ukuba nangona imiba yenkxaso-mali iye yachaphazela kakhulu ubomi babo, eyona nto idandathekisayo kukuhlala ngaphandle kwezibonelelo zabo iinyanga ezimbini. Ngaphezu koko, abanye abafundi baziva ungathi bashiywa ngaphandle njengokuba kubonakala ukuba ingqalelo ka-NSFAS kunye no-Coinvest ithathelwa abafundi abahlala ngaphandle kwesikolo kuphela. Banoluvo lokuba abafumani ncedo olwaneleyo okanye ulwazi olwaneleyo malunga nengxaki eqhubekayo. U-Coinvest okanye u-NSFAS akanikezelanga ngezaziso okanye iinkcukacha malunga nexesha lokuhlawulwa kwesibonelelo, inkqubo entsha yebhanki, okanye iintlawulo ezinxulumene nazo.

Ukungabikho kwezibonelelo kuye kwakhokelela ekubeni abafundi abangaphandle kwekhampasi (Oppidans) bangakwazi ukuhlawula iindleko zokuhlala, nto leyo ebashiya bengenazo izindlu ezifanelekileyo. U“Cat”, ongumfundi ohlala ngaphandle kwekhampasi kwiYunivesithi yaseRhodes, wabelana ngelithi, "Ngoku besivula apha eyunivesithi, kuye kwafuneka ndihlale ekhaya iveki yonke, ndaphoswa ngumsebenzi wam wesikolo." Ukungaphumeleli kwenkqubo ka NSFAS ukubonelela ngezibonelelo zenyanga kubafundi abangaphandle kwekhampasi
akuchaphazelanga kuphela imeko yabo yezindlu kodwa kubashiya bengakwazi ukuthenga izinto ezibalulekileyo ezifana nokutya.

Ukurhoxiswa kokufumana uncedo lwezimali ngumba owongezelekileyo abafundi abaye bajamelana nawo. Ukurhoxiswa koncedo lwemali lungachazwa njengesicwangciso-qhinga esijolise ekudaleni indawo yabanye abafundi abadinga uncedo lwezezimali; nangona kunjalo, kubangele iziphumo ezibuhlungu kubamkeli bayo ngenxa yokungoneli konxibelelwano phakathi kwe-NSFAS kunye namaziko emfundo ephakamileyo. Amakhasi onxibelelwano (imidiya yoluntu) kwiyunivesithi yaseRhodes atshintshe ekubeni ngamaqonga okuhlekisa kunye neziqhulo ukuba abe ngamajelo okusasaza ulwazi kunye nokubuza imibuzo malunga nendlela
yokuvhekana nokurhixiswelwa uncedo lwemali.

Olu tshintsho lubonakalise ukubaluncedo kubafundi abaninzi, njengoko ngoku banokufikelela kulwazi ngaphandle kokunyamezela ukulinda ixesha elide kwiiofisi zoncedo lwezezimali. Ukongeza, olu tshintsho luye lwanciphisa umthwalo kubasebenzi bezolawulo abasoloko bengenazo iinkcukacha malunga notshintsho kunye neenkqubo ezintsha eziphunyezwe ngu- NSFAS.

Inkqubo entsha yokuhlawula ngqo ephunyezwe ngu-NSFAS ibangele ukunciphisa inkululeko
yemali kubafundi. Kuzo zonke iiyunivesithi eMzantsi Afrika, abafundi bayaqhubeka
nokunyamezela ubunzima bemali obubangelwa yile nkqubo.


Credits:

 

Written by: Asa Makhonza, Abukwe Mjungula, Ndalo Mbombo, Phiwokuhle Mvalo, Sinothando Ngema

 

Translators: Asa Makhonza, Abukwe Mjungula

 

Editors: Thandeka Mosia, Courtney Meiklejohn

 

Final Design: Mzwakhe Nhlabathi


Comments

Popular Posts